Feedback from assessment for learning (isiXhosa version)
Le mifanekiso yengcaciso imalunga nenkcazo ngokuqhubekileyo kuvavanyo lokufunda. Inkcazo ngokuqhubekileyo yingcaciso utitshala ayinikayo kubafundi emva kokubavavanya – inokuba yeyomlomo okanye yebhalwe phantsi, kodwa imele ukuba ibe yengqalileyo yaye inike inkcazelo ecacileyo ukuqinisekisa ukuphucuka komgangatho wokufunda.
Inkcazo ngokuqhubekileyo imele ukunikwa lo gama kuqhubekayo ukufunda yaye imele ukunika ingcaciso ngokuba kwenzeke njani yaye kungokuba kutheni umfundi engazifezekisanga iikhrayitheriya yaye mayinike nezicwangciso zobuchule zokunceda ukuphucula umgangatho wokufunda komfundi ekuvaleni isikhewu ukuze aphumelele.