IsiXhosa E-Classroom ipowusta yesiGaba esisisiSeko
Ibanga lokuQala Ikota-3

Le powusta ilungiselelwe abaCebisi, ootitshala, abazali nabafundi beBanga lokuQala. Izakuncedisana ukufundisa nokufunda isiXhosa ngoLwimi lwaseKhaya/lweNkobe. Ootitshala bazakuqala ukusebenzisa Inkqubo yoLwazi lokuFunda nokuBhala eyakhiweyo. Le powusta izakubancedisa ukukhulisa ukuFunda okuDibeneyo (Blended Learning) ekufuneka ootitshala balukhulise.

Zonke izixhobo izikolo ezizakuzifumana ukusebenzisa le prograsm, ziyafumaneka kule powusta. Ootitshala baza kubanakho ukujonga zonke izixhobo abazifunayo nokuba baphi na, akudingeki ukuba babe seklasini qha. I-WCED noFunda Wande baninqwenelela impumelelo ekusebenziseni lepowusta.

image/svg+xml Iveki 1 Iveki 2 Iveki 3 Iveki 4 Iveki 5 Iveki 6 Iveki 7 Iveki 8 Ibanga 1: iKota 3 Iveki 9 Iveki 10 Amaphepha asikwayo Iindlela zokufundisa ukufunda Izandi Ukufunda Okudityanisiweyo Ibanga lokuQala Ikota 3 Izixhobo zika-WCED noFunda Wande IsiXhosa E-classroom Cofa kwiqosha leveki nganye ukuze ufumane izixhobo ezikule powusta Uhlolo/ uvavanyo © Molteno Institute for Language and Literacy ISIXHOSA © Molteno Institute for Language and Literacy ISIXHOSA 148 UVAVANYO ULWIMI LWASEKHAYA UVAVANYO OLUQHUBEKAYO NOLUSESIKWENI IKOTA YESI-2 Ungqamelwano lwekharityhulam lweveki nganye luboniswa ngeebhloko ezinemibala engacacanga. Uvavanyo olusesikweni: luboniswa ngeebhloko ezinemibala ecacileyo. Uvavanyo oluqhubekayo: phawula ibhloko xa uqaphela ukuba esi siphumo sesifkelelwa sisininzi sabantwana. Bhala ingxelo yabafundi abasokolayo. Gcina into oyibhalileyo uzayisebenzisa njengovavanyo. Kuya kufuneka uphinde ubafundise okanye ubanike imisebenzi yokuziqhelanisa. UKUPHULAPHULA NOKUTHETHA: Abafundi bayakwazi12345678910 1Ukumamela ngaphandle kokuphazamisiseka [Ibali elifundwa ngokuvakalayo] UHLAZIYO 2Ukuthetha ngamava abo: iindaba, imozulu njl njl [intlanganiso yakusasa]3Ukungenelela kumaculo neengoma, amabali nezicengcelezo [Ukuphulaphula nokuthetha]4Ukwenza imibongo nezicengcelezo benze neentshukumo [Ukuphulaphula nokuthetha]5Ukuchonga inxalenye kwepheleleyo [iZakhono zoBomi]6Ukumamela imiyalelo baze banike iimpendulo ngokuchanekileyo [kuzo zonke izifundo]7Ukudlulisa umyalezo [kuzo zonke izifundo]8Ukumamela amabali bebonisa umdla, bazobe umfanekiso ukubonisa bayalandela [Funda ibali ngokuvakalayo. EzobuGcisa Obubonwayo]9Ukuphendule imibuzo evalekileyo nevulekileyo. [Funda ibali ngokuvakalayo, ukufunda notitshala]10Ukuchaza izinto ngokobudala, ubume,ulandelelwano besebenzisa isigama esichanekileyo [iZakhono zoBomi]11Ukumamela amabali bachonge umxholo [Ukufunda ibali ngokuvakalayo]12Ukulandelelanisa imifanekiso yebali13Ukuthatha inxaxheba kwingxoxo yeklasi (Funda ibali ngokuvakalayo, Ukufunda notitshala, iZakhono zoBomi]14Ukubuza imibuzo engqamene nebali elifundiweyo nelithethiweyo (Ukuphulaphula nokuthetha)15Ukulandela baze basebenzise ulwimi oluchanekileyo lwezifundo ezahlukeneyo [iZakhono zoBomi, izibalo.] IZANDI: Abafundi bayakwazi:12345678910 1Ukwahlula ngokuvakalayo phakathi kwesiqalo nesiphelo samagama UHLAZIYO 2Ukuchonga unxibelelwano lwesandi nonobumba kwigama elinye ebelifundiwe kule kota.3Ukuthatha inxaxheba kwimisebenzi yokwazisa izandi- ukudibanisa izandi ukwahlula nokwakha amagama esebenzisa amaqabane nezikhamiso.4Ukwakha amagama kusetyetyiswa izandi ezifundiweyo [ulwakhiwo lwamagama]5Ukwakha nokwahlula amagama abe ngamalungu.6Ukuhlengahlengisa amagama aqhelekileyo abe lusapho lwamagama 7Ukuebenzisa ulwazi lwezandi ukufunda amagama kwizivakalisi nakwezinye itekisi [ukufuna notitshala nakukufunda ngamaqela] 156 UVAVANYO IZAKHONO ZOBOMI Ungqamelwano lwekharityhulam lweveki nganye luboniswa ngeebhloko ezinemibala ebugqama Uvavanyo olusesikweni luboniswa ngeebloko ezinemibala engagqamanga Uvavanyo oluqhubekayo: Phawula kwiibhloko ngeveki nganye xa uqaphela ukuba esi siphumo sifunyenwe sisininzi sabafundi. Bhala phantsi nabaphi na abantwana abasatsala nzima. Gcina amanqaku akho ngeenjongo zovavanyo. Kuya kufuneka ukuba ufundise kwakhona okanye unike uqeqesho olungakumbi kwaba bantwana. ULWAZI OLUSISISEKO NOKUZIPHATHA NENTLALO12 345678910 Izinto ezenziwa rhoqo UHLAZIYO 1Sebenzisa ikhalenda ukuxoxa ngosuku, inyanga2Itshati yemozulu mayisoloko ihlaziywa3Xoxani ngeentsuku zokholo nangezinye iintsuku ezikhethekileyo Xoxani ngomxholo/ isihloko 4Usapho lwam5Ukhuseleko emakhaya 6Umzimba wam 7Ukugcina umzimba wam ukhuselekile 8Iintsuku ezikhethekileyo Ukuphuhlisa umxholo ongundoqo kunye nezakhono 9Imixholo yenzululwazi yezeNtlalo: ulondolozo, unobangela neziphumo, indawo, Ukulungelelanisa, ubudlelwane, ukuxhomekeka, iyantlukwano nokuzimela, utshintsho10Imixholo yeZululwazi yeNdalo: ubomi nokuphila nayo yonke into enobunzima, amandla notshintsho, umhlaba nangaphaya11Izakhono zenkqubo zeNzululwazi: inkqubo yphando(ukuqwalasela, ukuthelekisa, ukwahlulahlula, ukuthatha umlinganiselo, ukwenza imifuniselo, ukunxibelelana)12Inkqubo yezakhono zobuChwephesha: ukuphanda, ukuyila, ukwenza, ukuhlola, ukunxibelelana Ukuphuhlisa ukuziphatha nentlalo 13Impilo yentlalontle nangokwemvakalelo14Ubudlelwane nabantu nokusingqongileyo15Iinqobo ezisemgangathweni nokuziphatha EZOBUGCISA OBUBONWAYO 12345678910Ukuyilwa kwezinto ezinamacala amabini 2-D UHLAZIYO 1Ukuzoba ufake umbala: umnwe,ukupeyinta ngesandla okanye ngebrashi, ukuxuba imibala yendalo2Zizobe ukunye nosapho lwakho nisenza umsebenzi: xoxa ngomgca kunye nokumila3Ukwenza imizobo nokupeyinta umzimba/ upeyinta ngokwakho (ukukhuthaza ulwazi lweentshukumo zomzimba nokuxela kuxoxwe ngamalungu asebenzayo4Imisebenzi yokusika Ukuyilwa kwezinto ezinembonakalo emacala mathathu 3D 5Ukwenza izinto ngomdongwe/ ngentlama yokudlala(khuthaza indela eyiyo yokusebenzisa amalaphu nezixhobo)6Ukwakha imifanekiso eqingqiweyo/ izindlu/ikhusi lentekelelo kusetyenziswa ibhokisi ezihlaziyiweyo kunye nezinye izixhobo(khuthaza indlela eyiyo yokusebenzisa iglu nezincamathelisi) EZOBUGCISA BEQONGA 12345678910Imidlalo nezakhono 1Ukufudumeza umzimba2Ukudlala imidlalo yokumisa3Iintsukumo zamalungu omzimba (imidlalo, iingoma)4Iintsukumo zesihlunu(uqeqesho ngomlilo) UVAVANYO OLUQHUBEKAYO NOLUSESIKWENI IKOTA YESI-2 6 UKUPHULAPHULA NOKUTHETHA Kutheni? Ukuphuhlisa izakhono zokuphulaphula nokuthetha Ukuphuhlisa isigama kunye nolwazi olusisiseko Ulwimi oluthethwayo sisiqalo seletheresi Njani? Intlanganiso yakusasa ( Mvulo-Lwesihlanu ) Ukufunda ibali ngokuvakalayo ( Mvulo ) Ingxoxo ( Lwesibini ) Izicengcelezo/iingoma ( Lwesine ) Intlanganiso yakusasa Sebenzisa eli xesha ukwazisa imisebenzi yosuku, nokukhuthaza abafundikunye nokuphuhlisa isigama. Bhalisa: Sebenzisa ipowusta yerejista yakwaBala Wande. Gxininisa kwakhona ulwazi lwezandi kunye namanani. Ikhalenda: Sebenzisa iKhalenda yakwa Bala Wande. Xoxani ngonyaka, inyanga kunye nosuku. Imozulu: Rekhoda imigqaliselo kwitshati yemozulu yeklasi. Iindaba: Sebenzisa indlela yokwabelana ngezibini kunye nesakhelo seendaba zam kwiphepha elingasemva leNNY. Cinga, Ngababini, Yabelana ngendlela yokusebenza Abafundi mabahlale emethini. Bafundise ukujongana neqabane babambe amadolo kodwa izandla bazigcine kubo. Utitshala unika umsebenzi. Cinga: Cinga ngokuthe cwaka (1 umz.). Ngababini: Xelela iqabane lakho iingcinga zakho. Phulaphula ezakhe iingcinga (5 imiz). Yabelana: Abafundi abakhethiweyo bacelwa ukuba babelane neklasi ngeengcinga zabo (5 imiz). Phendula: Utitshala ubonisa indlela yokucela ingcaciso ngokuthobekileyo. Abafundi bayafunda kwaye baziqhelanise nezi zakhono. Ukufundisa uLwimi lwaseKhaya ULWIMI LWASEKHAYA 15 ISIFUNDO SEZAKHONO ZOBOMI ULWAZI OLUSISISEKO NE PN ULwazi olusisiSeko Kutheni? Luphuhlisa ubuchule, ukucinga ngokugxekayo, unxibelelwano kunye nentsebenziswano. Luphuhlisa isakhono nengqiqo. Lunegalelo ekufundeni ngengqiqo ngokuthi bandise ulwazi kunye nesigama. Njani? Fundisa abafundi uku: Qaphela: nika ingqwalasela kwimibala, isimo, ubungakanani, uburhabaxa, ukufana, umahluko. Thelekisa: zinjani izinto ingaba ziyafana okanye zohlukile? Thatha ingqalelo kumbala, ubungakanani, uburhabaxa, ubudala, ukusebenza. Cazulula: lungisa izinto ngokwamahlelo ngokwempawu zokwabelana Linganisela: ubungakanani, ubuninzi, ukukhula ukuphakama, ubunzima, ubude, ubushushu. Umfuniselo: yenza umfuniselo wokuvavanya ukuqikelela. Ukuqwalasela nokushicelela okwenzekileyo kubalulekile. Ukunxibelelana: shicelela, uchaze uze ucacise ngokuthethetha, ngokuzoba, ngokubhala, ngeegrafu, ngemizobo ukulingisa. Xa abafundi besenza into bancedise bagxile kuzo zombini inkqubo kunye nemveliso. Ingxaki/imfuno/umnqweno: Yintoni efunekayo? Singayisombulula njani ingxaki? Uphando(fumanisa): Zeziphi izixhobo ozazisebenzisa? Yintoni enokwenziwa? Ukuyila: Cinga uze uzobe into ozakuyenza. Yenza: Iglu, sika, ncamathisela qengqa, njl njl. Phonononga: Ingaba imveliso iyilungele injongo? Loluphi utshintsho onokulwenza ukuze ibengcono? UkuziPhatha neNtlalo Kutheni? Abafundi bayazikhathalela bajonge intlalakahle yabo kunye nemvakalelo yempilo. Mabaqonde nendlela abanxulumana ngayo nabanye. Mabaqonde bangalenza njani igalelo eklasini, kusapho nakuluntu nasekuhlaleni. Mabalandele iinqobo ezisemgangathweni eziqulathwe kumgaqo siseko edibanisa unyamezelwano nobandakanyo. Njani? Hlanganisa izifundo kunye nezihloko zolwazi olusisiseko xa kuyimfuneko. Sebenzisa amathuba okufundisa angacetywanga, koko azifkelayo eklasini okanye ekuhlaleni. Ukufundisa Izakhono Zobomi Chatbot