Xolisa Tshongolo |
About Xolisa Tshongolo
UXolisa Tshongolo wazalelwa eMpuma Koloni, kuTsolo, kwilali yakuNgcengane kuJusefu, mmango lowo sele uphantsi kwedolophi iUgie ngokwale mida mitsha. Ufunde amabanga asezantsi kwisikolo iNkalweni Junior Secondary kwalapho kuNgcengane, ze wayo kwenza ibanga lesibhozo (Greyidi 10) kwisikolo iJamangile High kwidolophu yakuTsolo, ze elethoba neleshumi (Greyidi 11-12) wayo kulenza kwisikolo iVuyiseka Secondary eKapa eWoodstock. Uphume apho wenza isidanga kubunzululwazi ngamathala eencwadi (Degree Library & Information Science); ze walendelisa ngothotho lwezidinga eziphakamileyo kwezobunzululwazi ngeelwimi (Honours Linguistics, Post Graduate Diploma in Education, Masters Linguistics, PhD Language in Education). Ezi zidanga uzenze kumazikomfundo enomsila iUWC neUCT eKapa. Okanti zikho ke nezinye izifundo zolwimi ezifutshane ezifana nokusungulwa kwemigaqonkqubo kwezeelwimi azenze kwiYuniversity yaseStellenbosch.
Usebenze njengomhlohli ongesosigxina wabasaqalayo kwezobunzululwazi ngeelwimi eUWC, njengoSozilwimi kwiziko leelwimi kwalapho eUWC, njengoMgcinizinkcukacha kwiziko iAssociation for Educational Transformation, njengoSozilwimi oyiNtloko wesiXhosa kwiSebe leMicimbi yeNkcubeko neMidlalo lorhulumente weNtshona Koloni; njengeNtloko yeeNkonzo zoGuqulelo noToliko lweelwimi kwakwelo sebe; ngoku nguMphathi oPhezulu weOfisi yePhondo leMpuma Koloni yePanSALB, apho ebekhe walibambela CEO. Ukwasebenze njengomcebisi nomncedisi ongesosigxina kumaphando olwimi enziwa liziko iProject for Alternative Education in Southern Africa (PRAESA) eUCT.
Ngumbhali ogxamele ukuba ngumpondozihlanjiwe ekubhaleni uncwadi lwesiXhosa.
Upapashe kwincwadi yesihobe enesihloko esithi Umdiliya Wesihobe ngokuhlelwa nguGqr Mhlobo Jadezweni. Emveni koko ukhuphe ezi ncwadi zilandelayo: Zabeng’ iimbongi; Rhabul’ ungafinci, Amabonandenzile; Amagqabantshintshi oncwadi lwemveli; nezinye ke azibhale nabanye ababhali ezifana nezi: Qhayiqhayi ngezamandulo; Amapucelele; UNelson Mandela; Ilifa lethu (Grade 7 isiXhosa multigenre); Lifa lethu (Grade 8 isiXhosa multigenre). Ungumbhali wamanqaku angemiba yolwimi isiXhosa nangezobunzululwazi kulwimi nentlalo kumaphephandaba nakumanqaku ophando. Ukwangumphicothi wesigama sesiXhosa kwijelo losasazo leSABC Umhlobo Wenene FM.
Xolisa Tshongolo's Presentation
Click on the presentation below to read it and download it.
Iinguqu eziluhlaziyo kwimigaqo yokupela neyokubhala ulwimi
This presentation was used as part of the 2023 Foundation Phase Conference held from 3 - 4 October 2023.